Sikholelwa kumandla oguquko lwemfundo.

 
 
 
 
f1b23d.png
 

Inkululeko ngobunzulu

 
 

Iqumrhu lethu

Sikholelwa emandleni oguquko lwemfundo.

Ayisiyo-tagline yethu kuphela; yinxalenye esisiseko yesazisi sethu.

Kwisizwe esingaphezulu nje kwamashumi amabini eminyaka kwidemokhrasi, siyazi ukuba

impumelelo yale minyaka ingamashumi amabini izayo ixhomekeke ekuxhobiseni abaqeqeshi

abakwaziyo, nabafundileyo.

Abo bathunywa bangomso?

Bakwigumbi lethu lokufundela namhlanje.

Injongo ye-Inkululeko kukubonelela ulutsha lwasezilokishini zaseMzantsi Afrika ngezakhono, inkxaso

kunye nezikhokelo eziyimfuneko ukuze basebenzise ezizixhobo ukufaka izicelo ukuze baphumelele

eyunivesithi;ukwenza umceli mngeni kwinkolelo yokuba izinto ezilindelekileyo zikwinqanaba

eliphantsi kulutsha lwasezilokishini; kunye nokubonelela ngenguqu ezinzileyo, nethembekileyo;

umfundi-ngomfundi, isizukulwana-ngesizukulwana.

Eli qumrhu lilungiselelwe ukuba ulukwe kakhulu kuluntu lwasekhaya olusebenzayo. I-Inkululeko

isebenza noluntu lwaseMakhanda ekuchongeni imiceli mngeni kunye namathuba kwezemfundo

kwaye isebenza ngaphakathi kwezakhelo ezikhoyo kunye neenkqubo zokujongana nale mingeni

nokuxhamla kuloo mathuba. Abasebenzi abafanelekileyo nabanolwazi lwenkcubeko yalapha

bayaqeshwa elokishini ukunceda ukukhokela amaphulo aphambili e-Inkululeko. IBhodi yaBalawuli

yenziwe ngabemi abavela kwiindawo ezahlukeneyo ezivela e-USA nase Mzantsi Afrika.

I-Inkululeko uyakonwabela ukusebenzisana ne-Rhodes University Office ye-Community Engagement

kunye noPhuhliso lwezeNtlalontle ukufumana abafundisi abakumgangatho ophezulu bokusebenza

nomntu ngamnye wolutsha lwe-Inkululeko. Ikwasebenzisana namanye amaziko angenzi nzuzo

eMakhanda asebenza nabantwana ekwabelaneni ngezimvo, izibonelelo kunye nokuqonda.

Inkululeko isebenzisene kakhulu neYunivesithi yaseSyracuse eSyracuse, eNew York, kwiDyunivesithi

yaseMichigan, eAnn Arbor eMichigan, kwiKholeji yaseBloomfield eBloomfield, eNew Jersey,

kwiYunivesithi yaseOxford e-United Kingdom kunye nabafundi namavolontiya efakhalthi

abasebenza eMakhanda.

 

Ixabiso lethu kunye nemigaqo ekhokelayo

I-Inkululeko iyayiqonda into yokuba wonke umntu unelungelo lokuqhuba imfundo ekumgangatho

ophezulu ebalungiselela ukuya eyunivesithi okanye ukungena kwicandelo lomsebenzi awuthandayo.

I-Inkululeko iyaqonda ukuba iyantlukwano kwezentlalo nezoqoqosho imile ngenxa yesiphumo

socalucalulo. Oku kungafaniyo kwezoqoqosho nakwezentlalo kungaliwa nemfundo kunye nethuba

elikuzisayo ngokuvumela ulutsha-oluzelwe kuMzantsi Afrika omtsha, olawulwa ngentando yesininzi-

ukuba alandele amaphupha abo emfundo ephakamileyo kwaye azibonelele kunye neentsapho zabo.

I-Inkululeko ikholelwa ukuba abantu abahluphekileyo bahluphekile-kodwa bayakwazi ukuphumelela.

Ukubonelela ngamathuba, inkxaso kunye nokudumisa abantu ukuba baqhubeke nemfundo yabo

kunokuba nefuthe elikhulu kwindlela abantu abazijonga ngayo, kwaye, nakwindlela abajonga ngayo

oko kunokwenzeka ebomini babo.

 

Ishishini loLuntu

Iyunithi yeshishini lase-Inkululeko eMakhanda, eMzantsi Afrika isungule ekuqaleni kuka-2016,

ngenxa yenkxaso-mali yembewu evela kwiJohn Ben Snow Memorial Trust. I-Rotary Club

yaseMakhanda kunye neNtsika Sekondari nayo ixhase iyunithi ngokunikela ngesikhongozeli esikhulu

esigcina kwakhona njengesiseko sekhaya kwinxalenye yomsebenzi wethu wezentlalo. Ukusukela

ngelo xesha, iyunithi ixhaswe yi-The Learning Trust kunye neDewan Family Foundation.

Uluvo lweli shishini lwentlalo luphume kwikhosi yentsebenziswano kunye neWhiteman School of

Management kwiYunivesithi yaseSyrause.



Common Ground Café

Kwiminyaka eliqela edlulileyo, sonwabile ukwandisa ishishini lethu. Phambi kokuvulwa kweCommon

Ground, bekukho amathuba amancinci kakhulu kubantu abancinci ukuba bazibandakanye

ngokuqinisekileyo, kwimeko abahlala kuyo.

Ngelixa kukho iindawo ezininzi zentselo, akukho mabala okudlala. Ngelixa kukho iivenkile ezininzi

ezithengisa utywala, zimbalwa iikhefi.

Uluntu lwaselokishini esisebenza kulo luxineke kakhulu. Ukuba nendawo ekhuselekileyo, emema

abantu abancinci- kwaye eyilelwe ngabantu abancinci- ukuba beze, (bengaselanga tywala kwaye

bengasebenzisanga ziyobisi) xa bedlala umdlalo webhodi, ukuthatha inxaxheba kwitumente yebhola

ekhatywayo, okanye ukuya kwi-intanethi zifuneka kakubi kuluntu esisebenza Phakathi kulo.

ICommon Ground yenzelwe oku kulandelayo:

1. Ukwakha uluntu

2. Ukwandisa amathuba emisebenzi yangaphandle, esempilweni.

3. Ukuba negalelo elilinganayo eMakhanda.

4. Yenza indawo yokwakha izakhono zeshishini

5. Yenza umbutho wethu uzinze

Inkululeko's Xhosa page is proudly translated by:

Andiswa Bukula, Masters (IsiXhosa language & literature ~ Nelson Mandela University)

Language researcher | Andiswa.Bukula@nwu.ac.za